| ← 1Corinthians (3/16) → |
| 1. | Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu. |
| 2. | Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako. |
| 3. | Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na? |
| 4. | Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke? |
| 5. | Ungubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo? Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo. |
| 6. | Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo. |
| 7. | Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo. |
| 8. | Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka. |
| 9. | Kuba thina singabasebenzisi bakaThixo; nina niyintsimi kaThixo, nisisakhiwo sikaThixo. |
| 10. | Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo. |
| 11. | Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu. |
| 12. | Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza, |
| 13. | umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo. |
| 14. | Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. |
| 15. | Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni. |
| 16. | Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? |
| 17. | Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke. |
| 18. | Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko. |
| 19. | Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo; |
| 20. | kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto. |
| 21. | Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu; |
| 22. | nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu. |
| 23. | Nina ke ningabakaKristu, uKristu ke ngokaThixo. |
| ← 1Corinthians (3/16) → |