← 1Corinthians (16/16) |
1. | Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani. |
2. | Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali. |
3. | Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem. |
4. | Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam. |
5. | Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni. |
6. | Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona. |
7. | Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma. |
8. | Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste; |
9. | kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi. |
10. | Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam, |
11. | Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana. |
12. | Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo. |
13. | Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani. |
14. | Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando. |
15. | Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele), |
16. | ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo. |
17. | Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu; |
18. | kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo. |
19. | Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo. |
20. | Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele. |
21. | Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos. |
22. | Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza. |
23. | Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani. |
24. | Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen. |
← 1Corinthians (16/16) |