| ← 1Corinthians (14/16) → |
| 1. | Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete. |
| 2. | Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo. |
| 3. | Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo. |
| 4. | Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla. |
| 5. | Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka. |
| 6. | Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso? |
| 7. | Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungathiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi? |
| 8. | Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe? |
| 9. | Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni. |
| 10. | Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona. |
| 11. | Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum. |
| 12. | Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla. |
| 13. | Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe. |
| 14. | Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo. |
| 15. | Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo. |
| 16. | Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi? |
| 17. | Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki. |
| 18. | Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke; |
| 19. | kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi. |
| 20. | Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu. |
| 21. | Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi. |
| 22. | Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo. |
| 23. | Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza? |
| 24. | Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke; |
| 25. | zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso. |
| 26. | Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla. |
| 27. | Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho. |
| 28. | Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo. |
| 29. | Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule. |
| 30. | Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka. |
| 31. | Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke. |
| 32. | Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti; |
| 33. | kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele. |
| 34. | Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho. |
| 35. | Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni. |
| 36. | Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na? |
| 37. | Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi. |
| 38. | Ke ukuba umntu akazi, makangazi. |
| 39. | Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi. |
| 40. | Zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano. |
| ← 1Corinthians (14/16) → |