| ← 1Chronicles (9/29) → |
| 1. | Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo. |
| 2. | Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni. |
| 3. | EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase: |
| 4. | ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda. |
| 5. | NakumaShilo: nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe. |
| 6. | Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba. |
| 7. | Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa, |
| 8. | noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya; |
| 9. | nabazalwana babo ngokweenzala zabo: amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise. |
| 10. | Kubabingeleli: nguYedaya, noYehoyaribhi, noYakin, |
| 11. | noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo; |
| 12. | noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana; kaMeshilemiti, unyana kaImere; |
| 13. | nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo. |
| 14. | KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari; |
| 15. | nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu; |
| 16. | no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa. |
| 17. | Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum; |
| 18. | kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi. |
| 19. | UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango. |
| 20. | UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyinganga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye. |
| 21. | UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana. |
| 22. | Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo. |
| 23. | Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina. |
| 24. | Babekho abamasango ngamacala omane, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi. |
| 25. | Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo. |
| 26. | Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abane ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile. |
| 27. | Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso. |
| 28. | Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani. |
| 29. | Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu. |
| 30. | Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu. |
| 31. | UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani. |
| 32. | Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabatha ngeesabatha. |
| 33. | Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku. |
| 34. | Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem. |
| 35. | EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka. |
| 36. | Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi, |
| 37. | noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti. |
| 38. | UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo. |
| 39. | UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali. |
| 40. | Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika. |
| 41. | Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi. |
| 42. | UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa. |
| 43. | UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe. |
| 44. | UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo: nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele. |
| ← 1Chronicles (9/29) → |