| ← 1Chronicles (8/29) → |
| 1. | UBhenjamin wazala uBhela amazi bulo akhe, noAshebhele owesibini, noAhara owesithathu, |
| 2. | uNoha owesine, noRafa owesihlanu. |
| 3. | Oonyana bakaBhela babengooAdare, noGera, noAbhihudi, |
| 4. | noAbhishuwa, noNahaman, noAhowa, |
| 5. | noGera, noShefufan, noHuram. |
| 6. | Ngabo abo oonyana bakaEhudi, abo baziintloko zezindlu zooyise kubemi baseGebha; babafudusela eManahati: |
| 7. | nguNahaman, noAhiya, noGera, owabafudusayo; uEhudi wazala u-Uza noAhihudi. |
| 8. | UShaharayim wazala emhlabeni wakwaMowabhi emveni kokubandulula wakhe ooHushim noBhahara, abafazi bakhe; |
| 9. | wazala ngoHodeshe umkakhe: uYobhabhi, noTsibheya, noMesha, noMalekom, |
| 10. | noYehutse, noShakiya, noMirma. Ngabo abo oonyana bakhe, iintloko zezindlu zooyise. |
| 11. | NgoHushim wazala uAbhitubhi noEliphahali. |
| 12. | Oonyana bakaElipahali: nguEbhere, noMisham, noShemere, owayakhayo iOno, neLodi namagxamesi ayo. |
| 13. | NgooBheriya noShema abaziintloko zezindlu zooyise kubemi baseAyalon, abagxotha abemi baseGati. |
| 14. | OoAhiyo, noShashaki, noYeremoti, |
| 15. | noZebhadiya, noAradi, noEdere, |
| 16. | noMikayeli, noIshpa, noYoha babengoonyana bakaBheriya. |
| 17. | OoZebhadiya, noMeshulam, noHizeki, noHebhere, |
| 18. | noIshmerayi, noYeziliya, noYobhabi babengoonyana bakaElepahali. |
| 19. | OoYakim, noZikri, noZabhedi. |
| 20. | noElihenayi, noTsiletayi, noEliyeli, |
| 21. | noAdaya, noBheraya, noShimrati babengoonyana bakaShimehi. |
| 22. | OoIshpan, noEbhere, noEliyeli, |
| 23. | noAbhedon, noZikri, noHanan, |
| 24. | noHananiya, noElam, noAntotiya, |
| 25. | noIfediya, noPenuweli babengoonyana bakaShashaki. |
| 26. | OoShamesherayi, noShehariya, noAtaliya, |
| 27. | noYareshiya, noEliya, noZikri babengoonyana bakaYeroham. |
| 28. | Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise ngokweenzala zazo; ziintloko ke ezo; ezo zahlala eYerusalem. |
| 29. | EGibheyon kwahlala ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka. |
| 30. | NguAbhedon unyana wakhe wamazibulo, noTsure, noKishe, noBhahali, noNadabhi, |
| 31. | noGedore, noAhiyo, noZekere. |
| 32. | UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo. |
| 33. | UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali. |
| 34. | Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika. |
| 35. | Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi. |
| 36. | UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa; |
| 37. | uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe. |
| 38. | UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele. |
| 39. | Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu. |
| 40. | Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninzi, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin. |
| ← 1Chronicles (8/29) → |