| ← 1Chronicles (7/29) → |
| 1. | Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYashubhi, noShimron; babebane. |
| 2. | Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola; amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu. |
| 3. | Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke. |
| 4. | Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi. |
| 5. | Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke. |
| 6. | Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli; bebebathathu. |
| 7. | Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesine. |
| 8. | Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere; |
| 9. | ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini. |
| 10. | Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare. |
| 11. | Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa. |
| 12. | OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere. |
| 13. | Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha. |
| 14. | Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi. |
| 15. | UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi. |
| 16. | UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem. |
| 17. | Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase. |
| 18. | Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala. |
| 19. | Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam. |
| 20. | Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe, noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, |
| 21. | noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo. |
| 22. | Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe. |
| 23. | Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya; ngokuba bekuhle ububi endlwini yakhe. |
| 24. | Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera. |
| 25. | URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe, |
| 26. | uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe, |
| 27. | uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe. |
| 28. | Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo. |
| 29. | Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli. |
| 30. | Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo. |
| 31. | Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti. |
| 32. | UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo. |
| 33. | Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati. Ngabo abo oonyana bakaYafelete. |
| 34. | Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram. |
| 35. | Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali. |
| 36. | Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra, |
| 37. | nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera. |
| 38. | Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra. |
| 39. | Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya. |
| 40. | Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu. Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo. |
| ← 1Chronicles (7/29) → |