| ← 1Chronicles (4/29) → |
| 1. | Oonyana bakaYuda nguPeretse, noHetseron, noKarmi, noHuri, noShobhali. |
| 2. | URehaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati; uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Yiyo le imizalwane yabaseTsora. |
| 3. | Yiyo le eyazala amaEtam: nguYezereli, noIshma, noIdebhashe; igama lodade wabo belinguHatseleleponi; |
| 4. | noPenuweli ozala amaGedore, noEzere ozala amaHusha. Ngabo abo oonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata, ozala amaBhetelehem. |
| 5. | UAshuri, ozala amaTekowa, ebena bafazi ababini, uHela noNahara. |
| 6. | UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara. |
| 7. | Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan. |
| 8. | UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum. |
| 9. | Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse, esithi, Ndimzele ngokubulaleka. |
| 10. | UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo. |
| 11. | UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton. |
| 12. | UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka. |
| 13. | Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi. |
| 14. | UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim, ngokuba bebeziingcibi. |
| 15. | Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi. |
| 16. | Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli. |
| 17. | Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa. |
| 18. | Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede. |
| 19. | Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka. |
| 20. | Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete. |
| 21. | Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya; |
| 22. | noYokim, namadoda aseKozebha, noYowashe, noSarafe (aba bazizikhulu kwaMowabhi), noYashubhi-lehem. Ke ezo zinto zezakudala. |
| 23. | Ngabo abo ababumbi nabemi baseNetayim neGedera; bahlala khona nokumkani emsebenzini wakhe. |
| 24. | Oonyana bakaSimon nguNemuweli, noYamin, noYaribhi, nguZera noSawule, |
| 25. | nguShalum unyana wakhe, nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe. |
| 26. | Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe. |
| 27. | UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda. |
| 28. | Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali, |
| 29. | naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi, |
| 30. | naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage, |
| 31. | naseBhete-markabhoti, naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani. |
| 32. | Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu; |
| 33. | nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo. |
| 34. | UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya, |
| 35. | noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli, |
| 36. | noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya; |
| 37. | noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya: |
| 38. | abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene. |
| 39. | Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane. |
| 40. | Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala. |
| 41. | Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona. |
| 42. | Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi. |
| 43. | Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla. |
| ← 1Chronicles (4/29) → |