| ← 1Chronicles (3/29) → |
| 1. | Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele; |
| 2. | owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti; |
| 3. | owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe. |
| 4. | Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem. |
| 5. | Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli; |
| 6. | nguIbhehare, noElishama, noElifelete, |
| 7. | noNoga, noNefege, noYafiya, |
| 8. | noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba. |
| 9. | Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare. |
| 10. | Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe; |
| 11. | nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe; |
| 12. | nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe; |
| 13. | nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe; |
| 14. | nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe. |
| 15. | Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine. |
| 16. | Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe. |
| 17. | Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, |
| 18. | noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya. |
| 19. | Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo; |
| 20. | noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu. |
| 21. | Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya. |
| 22. | Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu. |
| 23. | Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu. |
| 24. | Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe. |
| ← 1Chronicles (3/29) → |