| ← 1Chronicles (25/29) → |
| 1. | UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli: |
| 2. | Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani. |
| 3. | KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova. |
| 4. | KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti. |
| 5. | Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu. |
| 6. | Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman. |
| 7. | Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo. |
| 8. | Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo. |
| 9. | Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 10. | elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; |
| 11. | elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 12. | elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 13. | elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 14. | elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 15. | elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 16. | elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 17. | eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 18. | eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 19. | eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 20. | eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 21. | eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 22. | eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 23. | eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 24. | eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 25. | eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; |
| 26. | eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 27. | elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 28. | elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 29. | elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; |
| 30. | elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini; |
| 31. | elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini. |
| ← 1Chronicles (25/29) → |