| ← 1Chronicles (24/29) → | 
| 1. | Ke oonyana baka-Aron, amaqela abo ibingala: oonyana baka-Aron nguNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare. | 
| 2. | Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare. | 
| 3. | Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo. | 
| 4. | Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise. | 
| 5. | Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare. | 
| 6. | UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare. | 
| 7. | Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi, elesibini noYidaya, | 
| 8. | elesithathu noHarim, elesine noSehorim, | 
| 9. | elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin, | 
| 10. | elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya, | 
| 11. | elesithoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya, | 
| 12. | eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim, | 
| 13. | eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesine noYeshebhabhi, | 
| 14. | eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere, | 
| 15. | eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noApitsetse, | 
| 16. | eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli, | 
| 17. | elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli, | 
| 18. | elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesine noMahazeya. | 
| 19. | Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli. | 
| 20. | Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya. | 
| 21. | NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya. | 
| 22. | KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati. | 
| 23. | Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine. | 
| 24. | Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire. | 
| 25. | Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya. | 
| 26. | Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe. | 
| 27. | Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri. | 
| 28. | NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana. | 
| 29. | NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli. | 
| 30. | Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti. Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise. | 
| 31. | Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo. | 
| ← 1Chronicles (24/29) → |