| ← 1Chronicles (23/29) → |
| 1. | Ke kaloku, xa uDavide wayeselÂ’ aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli. |
| 2. | Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi. |
| 3. | Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka. |
| 4. | Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamane amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu. |
| 5. | Abamasango baba ngamawaka amane; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amane. |
| 6. | UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari. |
| 7. | KumaGershon yanguLadan noShimehi. |
| 8. | Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu. |
| 9. | Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan. |
| 10. | Oonyana bakaShimehi nguYahati noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bane. |
| 11. | UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise. |
| 12. | Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bane. |
| 13. | Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisele phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni. |
| 14. | Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi. |
| 15. | Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere. |
| 16. | Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu. |
| 17. | Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela. |
| 18. | Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu. |
| 19. | Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine. |
| 20. | Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini. |
| 21. | Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe. |
| 22. | Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo. |
| 23. | Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu. |
| 24. | Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa. |
| 25. | Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni. |
| 26. | Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo. |
| 27. | Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa. |
| 28. | Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo: |
| 29. | owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude; |
| 30. | nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa; |
| 31. | nowokunyusa onke amadini anyukayo kuYehova ngesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, ngenani ngokwesiko lazo, ngamaxesha onke, phambi koYehova; |
| 32. | bagcine isigxina sentente yokuhlangana, nesigxina sengcwele, nesigxina soonyana baka-Aron, abazalwana babo, ukuba bakhonze endlwini kaYehova. |
| ← 1Chronicles (23/29) → |