← 1Chronicles (22/29) → |
1. | Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli. |
2. | Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo. |
3. | UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa; |
4. | nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide. |
5. | Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe. |
6. | Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu. |
7. | Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu. |
8. | Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam. |
9. | Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe. |
10. | Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni. |
11. | Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe. |
12. | Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho. |
13. | Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini. |
14. | Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto. |
15. | Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke. |
16. | Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. SukĀ ume, wenze, uYehova abe nawe. |
17. | UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi, |
18. | Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe. |
19. | Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova. |
← 1Chronicles (22/29) → |