1Chronicles (16/29)  

1. Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo.
2. Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova.
3. Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.
4. Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.
5. YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.
6. OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.
7. Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:
8. Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
9. Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
10. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.
11. Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
12. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,
13. Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.
14. NguYehova, nguThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.
15. Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,
16. Awanqophisana ngalo noAbraham; Nokufunga kwakhe kuIsake;
17. Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi, Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;
18. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu,
19. Nisengamadoda ambalwa, Nibancinane, ningabaphambukeli kulo.
20. Bahamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga; Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
21. Akavumela mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,
22. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
23. Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.
24. Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.
25. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,
26. Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
27. Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.
28. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla.
29. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.
30. Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.
31. Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.
32. Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,
33. Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.
34. Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
35. Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.
36. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.
37. Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;
38. noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.
39. UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,
40. ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.
41. Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
42. benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.
43. Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.

  1Chronicles (16/29)