| ← 1Chronicles (15/29) → |
| 1. | UDavide wazenzela izindlu emzini kaDavide; wayilungiselela indawo ityeya kaThixo, wayimisela intente. |
| 2. | Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyule bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade. |
| 3. | UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona. |
| 4. | Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi. |
| 5. | Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini. |
| 6. | Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini. |
| 7. | Koonyana bakaGershom yanguYoweli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mathathu. |
| 8. | Koonyana bakaElitsafan yanguShemaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini. |
| 9. | Koonyana bakaHebron yanguEliyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo. |
| 10. | Koonyana bakaUziyeli yanguAminadabhi umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinashumi-nye linababini. |
| 11. | UDavide wabiza ooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli, nabaLevi ooUriyeli, noAsaya, noYoweli, noShemaya, noEliyeli, noAminadabhi. |
| 12. | Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona; |
| 13. | ngokuba, yabingenini nje enayinyusayo kwasekuqaleni, wasityhobozela uYehova uThixo wethu, ngokuba singamfunanga ngokwesiko. |
| 14. | Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi, ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli. |
| 15. | Bayithwala oonyana bakaLevi ityeya kaThixo, njengoko abemwisele umthetho uMoses ngokwelizwi likaYehova, emagxeni abo, ngezibonda ezikuwo. |
| 16. | Wathi uDavide kubathetheli babaLevi, mabamise abazalwana babo babe ziimvumi, beneempahla zokuvuma: imirhubhe, neehadi, namacangci akhenkcezayo, kuphakanyiswe ngesandi sovuyo. |
| 17. | AbaLevi bamisa ke uHeman unyana kaYoweli, nakubazalwana bakhe uSafu unyana kaBherekiya, nakoonyana bakaMerari, abazalwana babo, uEtan unyana kaKushaya, |
| 18. | benabazalwana babo bolwesibini udidi: yanguZekariya, noBhen, noYahaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noBhenaya, noMahazeya, noMatitiya, noElifelehu, noMikeneya, oo-Obhedi-edom, noYehiyeli, abamasango. |
| 19. | Iimvumi, ooHeman, noAsafu, noEtan, baba ngabokuvakalisa ngamacangci obhedu; |
| 20. | ooZekariya, noHaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noMagaseya, noBhenaya, ngemirhubhe, ngeleentombi ilizwi; |
| 21. | ooMatitiya, noElifelehu, noMikeneha, no-Obhedi-edom, noYehiyeli, noAzaziya ngeehadi, ngelamadoda ilizwi, ukuba bahlabele. |
| 22. | UKenaniya, umthetheli wabaLevi ekuthwaleni, wafundisa ukuthwala; ngokuba ebenengqondo yoko. |
| 23. | OoBherekiya noElikana babengabamasango etyeya. |
| 24. | OoShebhaniya, noYehoshafati, noNataniyeli, noAmasayi, noZekariya, noBhenaya, noEliyezere, ababingeleli, babengabokuvuthela ngamaxilongo phambi kwetyeya kaThixo, Oo-Obhedi-edom noYehiya babengabamasango etyeya. |
| 25. | Kwathi ke ooDavide, namadoda amakulu akwaSirayeli, nabathetheli bamawaka, baya kuyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom, bevuya. |
| 26. | Kwathi, ekubancedeni kukaThixo abaLevi, bayithwala ityeya yomnqophiso kaYehova, babingelela iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe. |
| 27. | Wayambethe ingubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo uDavide, nabaLevi bonke ababethwele ityeya, neemvumi, noKenaniya umphathi wabathwali; ke uDavide wayebhinqe iefodi yelinen emhlophe. |
| 28. | AmaSirayeli onke abeyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova eduma, enesandi sezigodlo, nesamaxilongo, nesamacangci, evakalisa ngemirhubhe nangeehadi. |
| 29. | Kwathi ke ekufikeni kwetyeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide, walunguza ngefestile uMikali, intombi kaSawule, wabona ukumkani uDavide esina, eqamba, wamcekisa entliziyweni yakhe. |
| ← 1Chronicles (15/29) → |