| ← 1Chronicles (14/29) → |
| 1. | Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu. |
| 2. | Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli. |
| 3. | UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi. |
| 4. | Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, |
| 5. | noIbhehare, noElishuwa, noElipelete, |
| 6. | noNoga, noNefege, noYafiya, |
| 7. | noElishama, noBheleyada, noElifelete. |
| 8. | Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza. |
| 9. | AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa. |
| 10. | Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho. |
| 11. | Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim. |
| 12. | Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo. |
| 13. | Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo. |
| 14. | Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka; |
| 15. | kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti. |
| 16. | Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere. |
| 17. | Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye. |
| ← 1Chronicles (14/29) → |