1Chronicles (14/29)  

1. Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.
2. Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
3. UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.
4. Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
5. noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,
6. noNoga, noNefege, noYafiya,
7. noElishama, noBheleyada, noElifelete.
8. Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.
9. AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.
10. Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.
11. Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
12. Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.
13. Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.
14. Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;
15. kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.
16. Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.
17. Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.

  1Chronicles (14/29)