| ← 1Chronicles (11/29) → | 
| 1. | Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho; | 
| 2. | kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli. | 
| 3. | Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli. | 
| 4. | Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe. | 
| 5. | Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo). | 
| 6. | Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke. | 
| 7. | UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide. | 
| 8. | Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi. | 
| 9. | UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye. | 
| 10. | Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli. | 
| 11. | Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye. | 
| 12. | Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu. | 
| 13. | Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti. | 
| 14. | Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu. | 
| 15. | Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa. | 
| 16. | UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem. | 
| 17. | Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni! | 
| 18. | Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova, | 
| 19. | wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu. | 
| 20. | UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu. | 
| 21. | Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; akafika kodwa kulawa mathathu. | 
| 22. | UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu. | 
| 23. | Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe. | 
| 24. | Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha. | 
| 25. | Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe. | 
| 26. | Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem; | 
| 27. | uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon; | 
| 28. | uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti; | 
| 29. | uSibhekayi umHusha; uIlayi umAhowa; | 
| 30. | uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa; | 
| 31. | uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton; | 
| 32. | uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe; uAbhiyeli waseArabha; | 
| 33. | uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon; | 
| 34. | uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari; | 
| 35. | uAhiyam unyana kaSakare, umHarari; uElifali unyana kaUre; | 
| 36. | uHefere umMekera; uAhiya umPelon; | 
| 37. | uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi; | 
| 38. | uYoweli umzalwana kaNatan; uMibhehare unyana kaHagri; | 
| 39. | uTseleke umAmon; uNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya; | 
| 40. | uIra umItri; uGarebhe umItri; | 
| 41. | u-Uriya umHeti; uZabhadi unyana ka-Alayi; | 
| 42. | uAdina unyana kaShiza, umRubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu; | 
| 43. | uHanan unyana kaMahaka; noYoshafati waseMeten; | 
| 44. | u-Uziya waseAshterati; uShama noYehiyeli, oonyana bakaHotam waseArahere; | 
| 45. | uYedihayeli unyana kaShimri, noYoha umzalwana wakhe, umTitsi; | 
| 46. | uEliyeli umMahavi; noYeribhayi noYoshafiya, oonyana bakaElinaham; noItema umMowabhi; | 
| 47. | uEliyeli, no-Obhedi, noYahasiyeli waseMetsobhaya. | 
| ← 1Chronicles (11/29) → |