1Chronicles (11/29)  

1. Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho;
2. kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli.
3. Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.
4. Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.
5. Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).
6. Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.
7. UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.
8. Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.
9. UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.
10. Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.
11. Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.
12. Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.
13. Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.
14. Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.
15. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.
16. UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
17. Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!
18. Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova,
19. wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
20. UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.
21. Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; akafika kodwa kulawa mathathu.
22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.
23. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe.
24. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha.
25. Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
26. Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem;
27. uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon;
28. uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti;
29. uSibhekayi umHusha; uIlayi umAhowa;
30. uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa;
31. uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton;
32. uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe; uAbhiyeli waseArabha;
33. uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon;
34. uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari;
35. uAhiyam unyana kaSakare, umHarari; uElifali unyana kaUre;
36. uHefere umMekera; uAhiya umPelon;
37. uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi;
38. uYoweli umzalwana kaNatan; uMibhehare unyana kaHagri;
39. uTseleke umAmon; uNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;
40. uIra umItri; uGarebhe umItri;
41. u-Uriya umHeti; uZabhadi unyana ka-Alayi;
42. uAdina unyana kaShiza, umRubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu;
43. uHanan unyana kaMahaka; noYoshafati waseMeten;
44. u-Uziya waseAshterati; uShama noYehiyeli, oonyana bakaHotam waseArahere;
45. uYedihayeli unyana kaShimri, noYoha umzalwana wakhe, umTitsi;
46. uEliyeli umMahavi; noYeribhayi noYoshafiya, oonyana bakaElinaham; noItema umMowabhi;
47. uEliyeli, no-Obhedi, noYahasiyeli waseMetsobhaya.

  1Chronicles (11/29)